Zandile Mamali ucela inxaso yethu
August 15, 2018 | John Ngconde Bulani
Omnye weemvumi ezaziwayo u-Zandile Mamali ucela inxaso yabahlali bonke bephela, njengoko engomnye weemvumi ezityunjiweyo kukhuphiswano lwe Ingoma Independent Gospel Awards (2018). Enye yeengoma zakhe U-Yesu Ulithemba Lam iye yatyunjwa ngokusesikweni ibeyiyo azakukhuphisana ngayo kudidi lwe Best Gospel Single.
Ezinye zeemvumi ezaziwayo akhuphisana nazo koludidi zibalula u-Ta Vuks (The Blind Man), Infinite Generation, kwakunye ne Abantwana. Kudliwanondlebe ne Khwezi Times, u-Zandile akawuvali umlomo ngendlela abahlali abamxhasa ngayo ingakumbi oosomashishini kwakunye neenkonzo zasekuhlaleni ngomana zimvulela iingcango xa funa inxaso. Kwiphulo lakhe lobonakali isakhono sakhe kwezomculo, ukhe watyelela nakumaziko osasazo afana no Valley FM, Umhlobo Wenene, CCFM kwakunye ne Elgin FM. Abanye bazakukhumbula ebekhe wavela naku mabonakude kwinqubo ye Hectic On 3.
Le mvumi ayiwuvali umlomo wayo ngentsebenziswano evela kwi gqiza asebenza nalo ingakumbi u-Sithembiso Tani, Madida Stuurman, Aviwe Mvoko kwakunye nabanye. Luyavalwa olukhuphiswa ngomhla we 11 August 2018, kungoko le nzwakazi ibongoza abahlali bayivotele kangangoko ukuze ikwazi ubuya nodumo ekhaya. Xa uvota bhala Ingoma Best Gospel Single Zandile Mamali uyithumele ku 45633.
Dzuu back with a hit single, Mkhonyovu
October 5, 2018 | John Ngconde Bulani