I-Siwangaza idumile mvanje ngobugebengu
Abahlali bayakhala kakhulu ngesitrato sase Siwangaza njengoko buye busanda ubundlobongela obuqhubekayo kuso. Kubonakala ingathi abephuli-mthetho (amaphara-phara) bayathanda ukwenza abantu amaxhoba ingakumbi ngelixesha lakusasa. Abona bantu kubonakala ingathi bayachaphazeleka kakhulu ngabo bavukela i-train nabo baphangelayo behamba ngeenyawo. Kubonakala ingathi lamaphara-phara anayo indawo athandela kuyo apho kugcinwa khona nezinto ezibiweyo. Kuyacelwa kakhulu kubahlali ukuba basebenzisane nama-polisa ukulwa ulwaphulo mthetho. Ukuba ubone umntu omaziyo okanye ongamaziyo esaphula umthetho, kuyacelwa aqhakamshelane nama-polisa okanye axelele amalungu e-Community Policing Forum (CPF).