top of page

Zwelonke wabantu abatsha ubhiyozela usuku lwabo



Umbutho ka zwelonke wabantu abatsha i-Zwelethemba Youth Fellowship (ZYF) izolo ubugqiba iminyaka elithoba (9) wasekwa ngokusesikweni. Lo mbutho wasekwa ngomhla we 09 August 2009, uqalwa ngabazalwane beenkonzo ngenkonzo zasekuhlaleni. Kubaseki balombutho kungabalulwa u-Jeffrey Qonqo, Wiseman Cacadu, Naledi Sofuthi, Sibonile Dutywa, Siyanda Baleni kwakunye nabanye. Iinjongo yayikukudibanisa abantu abatsha be mvaba nge mvaba ukuze kusetyenziswane kwaye kuphuhliswane nangezakhono. Ezinye zezo njongo yayikuthatha inxaxheba kwimicimbi edla umzi efana neziyobisi, ubudlwengu kwakunye nentswelo-ngqesho.


Kuleminyaka ilithoba yasekwa, i-ZYF ingenile iphuma kwindawo ngendawo ezifana noma-Bhayi, Mossel Bay, Kapa kwakunye ne Mbekweni ivuselela abantu abatsha. Omnye wabaseki balo mbutho u-Nonkuleko Simanga owaziwa kakhulu ngo “Makazi” uthi kuninzi okusafuneka kwenziwe yi ZYF ukuzibandakanya kwintswelo zabanye abantu ingakumbi apha ekuhlaleni. “Nangona ihambile iminyaka sade sazofika kule ndawo sikuyo siyi ZYF, zitshintshile izinto kwaye kuyanyanzeleka nathi singumbutho wabantu abatsha senze esinako ukuphuhlisa i-Zwelethemba yethu” utsho u-Makazi.


Kudliwano-ndlebe ne Khwezi Times, u-Sihlalo walo mbutho u-Akhona Rasi uvakalise uchulumanco lwakhe ngendlela abantu abatsha abayithanda ngakhona i-ZYF, ingakumbi xa beyibona emithandazweni yasekuhlaleni. Eminye yemibono yakhe kukusebenzisana nayo yonke imibutho yasekuhlaleni, ingakumbi imibutho yabantu abatsha kwakunye namasebe ka rhulumente.


Lo mbutho ujonge ukwenza indumezulu yomsitho kunyaka ozayo njengoko izakube igqiba iminyaka elishumi yasekwa (10th anniversary). Ofuna inkcukacha ethe vetshe nge ZYF, makaqhakamshelane no Akhona Rasi ku 074 975 0287 okanye ku Facebook (Zwelethemba Youth Fellowship).



KTN Forthcoming Editions

1st edition - 10 August 2018

Stories/Articles Deadline : 04 Aug 

Advertising Deadline : 5 Aug

2nd edition - 24 August 2018

Stories/Articles Deadline : 18 Aug 

Advertising Deadline : 19 Aug

3rd edition - 14 September 2018

Stories/Articles Deadline : 07 Sept 

Advertising Deadline : 08 Sept

4th edition - 28 September 2018

Stories/Articles Deadline : 21 Sept

Advertising Deadline : 22 Sept

5th edition - 12 October 2018

Stories/Articles Deadline : 05 Oct

Advertising Deadline : 06 Oct

6th edition - 26 October 2018

Stories/Articles Deadline : 18 Oct

Advertising Deadline : 06 Oct

7th edition - 09 November 2018

Stories/Articles Deadline : 02 Nov

Advertising Deadline : 03 Nov

bottom of page