Usaqhubekeka umcimba wamatye wamaqhawe ase Zwelethemba
Umbutho we Zwelethemba Arts & Culture (ZAC) ukwi phulo lokuphuhlisa amangcwaba amaqhawe omzabalazo. I-South African Heritage Resource Agency (SAHRA) ikhethe amangcwaba alithoba (9) azakulungiswa kumaqhawe asweleka ngo nyaka ka 1985. Ngokwenkcazelo ka Sihlalo we ZAC u-Macebo Kolo, kudala bezama ukuwenza lo msebenzi ukususela ku nyaka ka 1999. Ngenxa kongabikho kwe nxaso mali khange ubeyimpumelelo ekuqaleni. Kuye kwanyanzeleka u-Kolo negqiza asebenza nalo bawe bevuka befuna inxaso ukuzofikelela kwelilixa. UKolo uyacacisa: “amanye amaqhawe eminye iminyaka azakwenzelwa ilitye lesikhumbu (monument of remembrance), apho kuzakubakhona amagama awo kwakunye neminyaka asweleka ngayo”.
Okwa ngoku kusatyunjwe i-Freedom Park ekwi sitalato sase Siwangaza njenge yona ndawo ilungeleyo ukuhlala elilitye lesikhumbuzo. U-Sekela Mphathiswa we sebe lezobugcisa namasiko (Department of Arts & Culture) umama u-Maggie Sotyu, kwintetho yakhe ngomhla we 09 May kulo nyaka uthembisile ukuba isebe lakhe lizakwenza konke okusemandleni ukuqinisekisa lo msebenzi uyi mpumelelo. Kuyacelwa onke amashishini athathe inxaxheba ukufaka izicelo zabo (Tender) zokwakha lamatye. Zonke izicelo zifakwa kwa SAHRA e-Kapa okanye kutsalelwe umnxeba ku (021) 462 4502ngenkcazelo ethe vetshe.